YINTONI UKWEBIWA KOMBANE?
Ukwebiwa kombane kuthetha naluphi na uhlobo lophazamiso olungagunyaziswanga kwizixhobo ezingundoqo zomnikezi ngombane, izixhobo okanye ukufakelwa kweemitha ngendlela enokubonakala (prima facie) isiphumo sayo sibe kukusetyenziswa okupheleleyo kombane ngumxhasi imitha zingabalwa kakuhle okanye ukutshintshelwa kwenkxaso yombane iye kumxhasi ngokungekho mthethweni"
Ukwebiwa kombane ngumceli mngeni ofuna ukususwa ukuba ngaba kufuneka ukuba ishishini lombane lihlale ligcinakelel kwaye liphila. Ngoba kutheni?
Kuba:
Akukho mthethweni: Ukweba kuthathwa njengesenzo solwaphulo-mthetho olohlwayelwayo ngumthetho. Ukusebenzisa umbane ngaphandle kokuba uwufakelwe kwindawo yawo esemthethweni okanye ubhalise njengomsebenzisi wombane ngumnikezi wakho wombane wasekuhlaleni ngokunjalo nokubhucabhuca imitha, kuthathwa njengokungekho mthethweni.
Ukulungisa le meko kuyakufuneka ukuba uqhagamshelane nomnikezi wakho wombane wasekuhlaleni kwaye wenze isicelo sokufakelwa umbane. Imali yokufakelwa umbane iyakufunwa kuwe phambi kokuba isicelo sakho siqwalaselwe.
Akulunganga: Akulunganga kubaxhasi abawuhlawulelayo umbane abawusebenzisayo.
Kuchaphazela ubulunga bombane: Ufakelo olungekho mthethweni luchaphazela ubulunga bombane kummandla okusoloko kuquka oku kulandelayo:
Uphazamiso: Ufakelombane olungekho mthethweni luye lusoloko luwuthwalisa kakhulu umxokelelwano oku ke kuye kubange ukuwa okuye kuphazamise umbane. Ukuthwaliswa kakhulu kunokude kuchaphazele imimandla engabamelwane. Uphazamiso olubangwa yile meko ayisiyiyo impazamo yomnikezi wombane.
Umthwalo ogqithisileyo usenokukhokelela ekusindweni kwamandla ombane okunokuthi konakalise izixhobo zabaxhasi abahlawulayo. Aba baxhasi ngeke babenayo indlela yokufuna uncedo kumnikezi wombane, kuba ezi ngxaki aziveli kwicala lothungelwano lakhe okanye ukungahoyi kwicala lakhe.
Kukhokelela kwilahleko yengeniso:
Abanikezi bombane kufuneka ukuba bafumane ixabiso lemali yabo kumbane othengwe kubavelisi bombane. Ingeniso evela kwintengiso yombane inyusa indlela yokuphila kwaye inceda nomnikezi wombane ukuba ahlale kushishino. Ukwebiwa kombane ke ngoko kusongela ukunika izizukulwana zexa elizayo umbane.
Kumisa ukufakelwa kombane:
Ilahleko yengeniso ithetha ukuba nemali eya kwinkqubo yofakelo mbane incinane. Oku kuthetha ukuba abantu abangenawo umbane kuya kufuneka ukuba balinde ithuba elide ukuze bafakelwe umbane.
Akukhuselekanga:
Kuninzi lwezehlo ufakelo lombane olungekho mthethweni luyingozi kuba iikheyibhile zisoloko zingogqunywanga kwaye iziphumo zoku ingaba yilahleko yobomi.
Kuchaphazela ixabiso lombane:
Ilahleko yengeniso evela kwilahleko yentengiso ithetha ukuba le lahleko mayibuyekezwe kwenye indawo. Oku kuquka ukunyuka kuluhlu lwamaxabiso. Kwaye ngubani ochaphazelekayo? Ngabaxhasi abawuhlawulelayo umbane wabo kuba le lahleko iye ifakwe ekunyukeni koluhlu lwamaxabiso.
EYONA NTO INGUNDOQO KUKUBA:
ABAXHASI ABAHLAWULAYO BAYE BAGQIBELE
NGOKUHLAWULELA UKWEBIWA KOMBANE
UNGANCEDA KANJANI?
Cebisa ummelwane wakho ngezinto ezinokwenzeka ngenxa yesi senzo
Cebisa ummelwane wakho ukuba senziwa njani na isicelo sokufakelwa umbane.
Bazise abamelwane bakho, mhlawumbi banokucebisa ukuba ungaphathwa njani na umcimbi lowo
Wuphakamise lo mcimbi kuluntu/kwabaphethe ekuhlaleni
Wudlulisele umcimbi kwiNdawo yengxoxo yoQhagamshelwano yabaXhasi
Yazisa umnikezi wakho wombane ukuba kukho umntu omaziyo oweba umbane
Khumbula:
Njengomsebenzisi wombane unemfanelo yokuzihlawulela iinkonzo ozifumeneyo. Ukuba ngaba unengxaki yeentlawulo ze-akhawunti yakho mhlawumbi imitha ehlawulelwe ngaphambili ingaba sisisombululo kuwe. Ngaloo ndlela uyakuba nako ukukulawula ukusebenzisa kwakho umbane. Ukwebiwa kombane kuchaphazela bonke abasebenzisi bombane hayi kummandla wakho kuphela kodwa nakweminye ngokunjalo kwaye ineziphumo ezibi.
Izikhalazo zinokudluliselwa kulawulo njengecebo lokugqibela. Abaxhasi bayakhuthazwa ukuba baqhagamshelane nabanikezi mbane babo ngqo kwaye bafake izikhalazo kubo. Ukuba ngaba awufumani ukwaneliseka ungawudlulisela umcimbi ku-Lawulo lukaZwelonke loMbane oluya kuphanda egameni lakho.
Kukulawula ishishini lombane ngokungqinelana nenkqubo karhulumente kunye nomthetho, nokuhlangabezana neemfuno zabathelelani bombane abakhoyo nabexa elizayo ngeyona ndlela yoneleyo, engabizi kakhulu negcinakeleyo.
UMlawuli ngesebe lakhe lenkonzo yabaxhasi, uzibophelele ekuphuculeni ubulunga benkonzo yeshishini lonikezo mbane kunye nokugcina abaxhasi besaziswa ngemiba ephathelene nonikezo lombane
UMLAWULI KAZWELONKE WOMBANE
Iinkcukacha zoqhagamshelwano:
UMLAWULI WOMBANE KAZWELONKE
UKWEBIWA KOMBANE
IZIPHUMO KUBASEBENZISI BOMBANE
UNGANCEDA NJANI
